I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INdumiso 29:1-11

Uncuthu lwengoma kaDavide. 29  Mnikeni uYehova, nina bonyana babo bomeleleyo, Mnikeni uYehova uzuko namandla.+   Mnikeni uYehova uzuko lwegama lakhe.+ Qubudani kuYehova ngokuhomba okungcwele.+   Ilizwi likaYehova liphezu kwamanzi;+ UThixo ozukileyo+ ududumile.+ UYehova uphezu kwamanzi amaninzi.+   Ilizwi likaYehova linamandla;+ Ilizwi likaYehova linobungangamsha.+   Ilizwi likaYehova laphula imisedare; Ewe, uYehova waphula imisedare yaseLebhanon,+   Ubenza badlobe njengethole,+ ILebhanon neSiriyon+ njengoonyana benqu.   Ilzwi likaYehova lixabela ngamadangatye omlilo;+   Ilizwi likaYehova lenza intlango izibhijabhije,+ UYehova wenza intlango yaseKadeshe+ izibhijabhije.  Ilizwi likaYehova lenza amaxhamakazi azibhijabhije enenimba+ Yaye liwahluba abe ze amahlathi.+ Kwaye etempileni yakhe ngamnye uthi: “Luzuko!”+ 10  UYehova uhleli phezu konogumbe;+ Yaye uYehova uhleli njengokumkani ukusa kwixesha elingenammiselo.+ 11  UYehova uya kubanika amandla ngokwenene abantu bakhe.+ UYehova uya kubasikelela ngoxolo abantu bakhe.+

Umbhalo osemazantsi