I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INdumiso 28:1-9

EkaDavide. 28  Ndiqhubeka ndibiza wena, Yehova.+ Owu Liwa lam, musa ukuba sisithulu kum,+ Ukuze ungathi cwaka kum+ Ukuze kungafuneki ndifane nabo bahlela emhadini.+   Live ilizwi lokubongoza kwam xa ndikhalela uncedo kuwe, Xa ndiphakamisela izandla zam+ kwelona gumbi lingaphakathi lendawo yakho engcwele.+   Musa ukunditsala kunye nabantu abangendawo nabo baqhelisela oko kwenzakalisayo,+ Abo bathetha uxolo namaqabane abo+ kodwa ezintliziyweni zabo kukho okubi.+   Banike ngokokwenza kwabo+ Nangokobubi boqheliselo lwabo.+ Banike ngokomsebenzi wezandla zabo.+ Babuyisele ngokokwenza kwabo.+   Kuba abayihloneli imisebenzi kaYehova,+ Nemisebenzi yezandla zakhe.+ Uya kubachitha angabakhi.   Makabongwe uYehova kuba elivile ilizwi lezibongozo zam.+   UYehova ungamandla am+ nekhaka lam.+ Intliziyo yam ikholose ngaye,+ Yaye ndincediwe, ukuze intliziyo yam igcobe,+ Yaye ndiya kumbonga ngengoma yam.+   UYehova ungamandla kubantu bakhe,+ Kwaye uligwiba losindiso oluzukileyo labathanjiswa bakhe.+   Basindise abantu bakho, ulisikelele ilifa lakho;+ Ubaluse uze ubathwale ukusa kwixesha elingenammiselo.+

Umbhalo osemazantsi