I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INdumiso 27:1-14

EkaDavide. 27  UYehova kukukhanya kwam+ nosindiso lwam.+ Ndiya koyika bani na?+ UYehova ligwiba lobomi bam.+ Ndiya kunkwantyiswa ngubani na?+   Xa abenzi bobubi basondela kum ukuze badle inyama yam bayigqibe,+ Beziintshaba zam ngokobuqu,+ Bakhubeka bawa.+   Nangona kuya kumiswa inkampu nxamnye nam,+ Intliziyo yam ayiyi koyika.+ Nangona kuya kuvuka imfazwe nxamnye nam,+ Kwanangoko ndiya kukholosa.+   Inye into endiyicelileyo kuYehova+ Ndiya kufuna yona,+ Ukuba ndihlale endlwini kaYehova yonke imihla yobomi bam,+ Ndibone ukuthandeka kukaYehova+ Ndize ndikhangele ngoxabiso etempileni yakhe.+   Kuba uya kundifihla endaweni yakhe esithakeleyo ngomhla wentlekele;+ Uya kundifihla endaweni efihlakeleyo yentente yakhe;+ Uya kundibeka phezulu eliweni.+   Ngoku intloko yam iya kuphakama ngaphezu kweentshaba zam ezindijikelezileyo;+ Yaye ndiya kubingelela ententeni yakhe imibingelelo yemikhwazo yovuyo;+ Ndiya kuvuma ndize ndiculele uYehova uncuthu lwengoma.+   Ndive, Yehova, xa ndikubiza ngelizwi lam,+ Undibabale uze undiphendule.+   Ithe intliziyo yam ngawe: “Funani ubuso bam.”+ Ubuso bakho, Yehova, ndiya kubufuna.+   Musa ukubufihla ubuso bakho kum.+ Musa ukumjika umkhonzi wakho ngomsindo.+ Umele ube luncedo lwam.+ Musa ukundilahla yaye musa ukundishiya, Thixo wam wosindiso.+ 10  Nokuba ubawo noma bangandishiya,+ Ke yena uYehova uya kundithabatha.+ 11  Ndiyalele indlela yakho, Yehova,+ Undikhokele kumendo wokuthe tye ngenxa yeentshaba zam. 12  Ungandinikeli emphefumlweni weentshaba zam;+ Kuba ndiphakanyelwe ngamangqina obuxoki,+ Nangulowo utsawula ugonyamelo.+ 13  Ukuba bendingabanga nokholo ekuboneni ukulunga kukaYehova elizweni labo baphilileyo+—! 14  Thembela ngoYehova;+ yiba nesibindi uze uvumele intliziyo yakho yomelele.+ Ewe, thembela ngoYehova.+

Umbhalo osemazantsi