Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INdumiso 26:1-12

EkaDavide. 26  Ndigwebe,+ Yehova, kuba ndihambe engqibelelweni yam,+Yaye ndikholose ngoYehova, ukuze ndingahexi.+   Ndihlolisise, Yehova, undivavanye;+Sulungekisa izintso zam nentliziyo yam.+   Kuba ububele bakho bothando buphambi kwamehlo am,Yaye ndihambe enyanisweni yakho.+   Andihlalanga namadoda angenanyaniso;+Yaye andingeni kwabo bazifihlayo oko bakuko.+   Ndilithiyile ibandla labenzi bobubi,+Yaye andihlali nabangendawo.+   Izandla zam ndiya kuzihlamba ngobumsulwa,+Yaye ndiya kujikeleza isibingelelo sakho, Yehova,+   Ukuze ndivakalise umbulelo ngokuvakalayo,+Ndize ndivakalise yonke imisebenzi yakho emangalisayo.+   Yehova, ndiyithandile indawo yokuhlala yendlu yakho+Nendawo yokuhlala yozuko lwakho.+   Musa ukuwuthabatha naboni umphefumlo wam,+Nobomi bam namadoda anetyala legazi,+ 10  Ekukho ihambo evakalala ezandleni zawo,+Nesandla sawo sokunene esizaliswe kukunyoba.+ 11  Ke mna, ndiya kuhamba engqibelelweni yam.+Ndikhulule+ undibabale.+ 12  Ngokuqinisekileyo unyawo lwam luya kuma endaweni ethe tyaba;+Phakathi kweendimbane ezihlanganiseneyo ndiya kumbonga uYehova.+

Umbhalo osemazantsi