INdumiso 25:1-22

EkaDavide. א [ʼAʹleph] 25  Owu Yehova, ndiwuphakamisela kuwe umphefumlo wam.+ ב [Behth]   Owu Thixo wam, ndikholose ngawe;+Ngamana ndingangadani.Ngamana iintshaba zam azingendivuyeleli.+ ג [Giʹmel]   Akukho namnye kwabo bathembela ngawe oya kudana.+Baya kudana abo benza ngobuqhophololo ngaphandle kwempumelelo.+ ד [Daʹleth]   Ndazise iindlela zakho, Yehova;+Ndifundise iindlela zakho.+ ה [Heʼ]   Ndihambise enyanisweni yakho undifundise,+Ngokuba unguThixo ongumsindisi wam.+ ו [Waw]Bendithembele kuwe imini yonke.+ ז [Zaʹyin]   Owu Yehova yikhumbule inceba yakho+ nobubele bakho bothando,+Kuba zisukela kwixesha elingenammiselo.+ ח [Chehth]   Ungazikhumbuli izono zobutsha bam nemvukelo yam.+Ngokobubele bakho obunothando ndikhumbule,+Ngenxa yokulunga kwakho, Yehova.+ ט [Tehth]   Ulungile yaye uthe tye uYehova.+Kungenxa yoko eyalela aboni endleleni.+ י [Yohdh]   Uya kubangela abalulamileyo bahambe kwimimiselo yakhe,+Yaye abalulamileyo uya kubafundisa indlela yakhe.+ כ [Kaph] 10  Zonke iindlela zikaYehova zibububele bothando nenyanisoNgenxa yabo bagcina umnqophiso wakhe+ nezikhumbuzo zakhe.+ ל [Laʹmedh] 11  Ngenxa yegama lakho, Yehova,+Umele usixolele kwanesiphoso sam, kuba sikhulu.+ מ [Mem] 12  Ke kaloku, ngubani na umntu owoyika uYehova?+Womyalela indlela aya kuyinyula.+ נ [Nun] 13  Umphefumlo wakhe uya kuhlala ekulungeni,+Nenzala yakhe iya kuwudla ilifa umhlaba.+ ס [Saʹmekh] 14  Ukusondelelana noYehova kokwabo bamoyikayo,+Kwanomnqophiso wakhe, ubabangela bawazi.+ ע [ʽAʹyin] 15  Amehlo am ahlala ekhangele kuYehova,+Kuba nguye okhupha iinyawo zam emnatheni.+ פ [Peʼ] 16  Bubhekise kum ubuso bakho, undibabale;+Kuba ndindedwa yaye ndixhwalekile.+ צ [Tsa·dhehʹ] 17  Ukubandezeleka kwentliziyo yam kwandile;+Kwiingcinezelo eziphezu kwam ndikhuphe.+ ר [Rehsh] 18  Yibone inkxwaleko yam nenkathazo yam,+Uze uzixolele zonke izono zam.+ 19  Bona ukuba zininzi kangakanani iintshaba zam,+Yaye zindithiye ngentiyo enogonyamelo.+ ש [Shin] 20  Wulinde umphefumlo wam undihlangule.+Ngamana ndingangadaniswa, kuba ndisabela kuwe.+ ת [Taw] 21  Ingqibelelo nokutye tye makundilondoloze,+Kuba ndithembela kuwe.+ 22  Owu Thixo, mkhulule uSirayeli kuko konke ukubandezeleka kwakhe.+

Umbhalo osemazantsi