Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INdumiso 24:1-10

EkaDavide. Uncuthu lwengoma. 24  NgokaYehova umhlaba noko kuwuzalisileyo,+Umhlaba onemveliso nabo bahlala kuwo.+   Kuba yena uwumisele ngokuqinileyo phezu kweelwandle,+Naphezu kwemilambo uwuzinzisa ngokuqinileyo.+   Ngubani na onokunyuka aye entabeni kaYehova,+Yaye ngubani na onokunyuka endaweni yakhe engcwele?+   Nguye nabani na omsulwa ezandleni zakhe nohlambulukileyo entliziyweni,+Ongawuphathanga njengongento umphefumlo Wam,+Nongenzanga sifungo ngenkohliso.+   Uya kwamkela intsikelelo kuYehova+Nobulungisa kuThixo ongumsindisi wakhe.+   Esi sisizukulwana sabo bamfunayo,Sabo bafuna ubuso bakho, [Thixo] kaYakobi.+ Seʹlah.   “Phakamisani iintloko zenu, masango,+Niziphakamise, nina masango ahlala ehleli,+Ukuze angene uKumkani ozukileyo!”+   “Ngubani na, ke ngoko, lo Kumkani uzukileyo?”+“NguYehova owomeleleyo nonamandla,+UYehova onamandla edabini.”+   “Phakamisani iintloko zenu, masango;+Ewe, ziphakamiseni, nina masango ahlala ehleli,Ukuze angene uKumkani ozukileyo!”+ 10  “Ngubani na, ke ngoko, lo Kumkani uzukileyo?”“NguYehova wemikhosi—unguKumkani ozukileyo.”+ Seʹlah.

Umbhalo osemazantsi