Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Nd 23:1-6

Uncuthu lwengoma kaDavide. 23  UYehova ngumaLusi wam.+ Andiyi kuswela nto.+   Undilalisa kumadlelo anengca;+ Undikhaphelela kwiindawo zokuphumla ezinamanzi amaninzi.+   Uyawuhlaziya umphefumlo wam.+ Undikhokelela kumkhondo wobulungisa ngenxa yegama lakhe.+   Nangona ndihamba kwintlambo yethunzi elimnyama,+ Andoyiki nto imbi,+ Kuba unam wena;+ Intonga yakho nomsimelelo wakho ziyandithuthuzela.+   Ulungiselela phambi kwam itafile phambi kwabo babonisa ubutshaba kum.+ Intloko yam uyithambise ngeoli;+ Indebe yam iyaphuphuma.+   Ngokuqinisekileyo ukulunga nobubele bothando buya kundisukela yonke imihla yobomi bam;+ Yaye ndiya kuhlala endlwini kaYehova imihla emide.+

Umbhalo osemazantsi