I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INdumiso 21:1-13

Kumalathisi. Uncuthu lwengoma kaDavide. 21  Owu Yehova, ukumkani uba nemihlali ngamandla akho;+ Yaye hayi indlela afuna ukuvuya kakhulu ngayo ngosindiso lwakho!+   Umnikile umnqweno wentliziyo yakhe,+ Nomnqweno wemilebe yakhe awalanga nayo.+ Se′lah.   Kuba uye wamhlangabeza ngeentsikelelo zokulungileyo,+ Waza wabeka entlokweni yakhe isithsaba segolide esulungekisiweyo.+   Ucele ubomi kuwe. Wamnika,+ Imihla emide ukusa kwixesha elingenammiselo, kude kube ngonaphakade.+   Uzuko lwakhe lukhulu kusindiso lwakho.+ Isidima nobungangamsha ububeke kuye.+   Kuba ummisele ukuba asikelelwe kakhulu ngonaphakade;+ Umenza achulumance ngemihlali ebusweni bakho.+   Kuba ukumkani ukholosa ngoYehova,+ Kwanangobubele obunothando bOyena Uphakamileyo. Akayi kushukunyiswa.+   Isandla sakho siya kuzifumana zonke iintshaba zakho;+ Isandla sakho sasekunene siya kubafumana abo bakuthiyileyo.   Uya kubamisa njengeziko lomlilo ngexesha elimiselweyo lengqalelo yakho.+ UYehova uya kubaginya ngomsindo wakhe, yaye umlilo wakhe uya kubadla.+ 10  Isiqhamo sabo uya kusitshabalalisa emhlabeni,+ Nenzala yabo phakathi koonyana babantu.+ 11  Kuba bathumele okubi kuwe;+ Bacinge iingcamango abangakwaziyo ukuziphumeza.+ 12  Kuba uya kubenza baphethuke basabe+ Ngemitya yesaphetha sakho oyilungiselele ubuso babo.+ 13  Phakanyiswa emandleni akho, Yehova.+ Siya kuvuma sicule uncuthu lwengoma ngokomelela kwakho.+

Umbhalo osemazantsi