Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

Khetha ulwimi IsiXhosa

INdumiso 20:1-9

Kumalathisi. Uncuthu lwengoma kaDavide. 20  Ngamana uYehova angakuphendula ngomhla wokubandezeleka.+Ngamana igama loTHIXO kaYakobi lingakukhusela.+   Ngamana angathumela uncedo lwakho luphuma endaweni engcwele,+Akuxhase eseZiyon.+   Ngamana angayikhumbula yonke iminikelo yakho esisipho,+Yaye ngamana iminikelo yakho etshiswayo angayamkela njengetyebileyo.+ Seʹlah.   Ngamana angakunika ngokwentliziyo yakho,+Aze azalisekise lonke icebo lakho.+   Siya kumemelela ngovuyo ngenxa yosindiso lwakho,+Yaye egameni loThixo wethu siya kuphakamisa iibhanile zethu.+Ngamana uYehova angazizalisekisa zonke izicelo zakho.+   Ngoku ndiyazi ukuba ngokuqinisekileyo uYehova uyamsindisa othanjisiweyo wakhe.+Umphendula esemazulwini akhe angcwele+Ngezenzo ezisindisayo zamandla esandla sakhe sasekunene.+   Ezinye ngokuphathelele iinqwelo ezinye ngokuphathelele amahashe,+Kodwa, ke thina, ngokuphathelele igama likaYehova uThixo wethu siya kumkhankanya.+   Abo kanye boyisakele bawa;+Kodwa ke thina, siphakamile, ukuze sihlaziywe.+   Owu Yehova, msindise ukumkani!+Uya kusisindisa ngemini esimbiza ngayo.+

Umbhalo osemazantsi