I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INdumiso 2:1-12

2  Kutheni iintlanga zisenza uqhushululu+ Namaqela eentlanga eqhubeka edumzela into engento?+   Ookumkani bomhlaba basuke bema+ Namagosa aphakamileyo abuthene ndawonye njengamntu mnye+ Nxamnye noYehova+ nomthanjiswa wakhe,+   Besithi: “Masiziqhawule izibopho zabo+ Sizilahlele kude nathi iintambo zabo!”+   Lowo kanye uhleli emazulwini+ uya kuhleka; UYehova uya kubagculela.+   Ngelo xesha uya kuthetha nabo enomsindo+ Yaye evutha kukungakholiswa uya kubaphazamisa,+   Esithi: “Mna, ndimmisile ukumkani wam+ EZiyon,+ intaba yam engcwele.”+   Mandibhekisele kummiselo kaYehova; Uthe kum: “Ungunyana wam;+ Mna, namhlanje, ndibe nguyihlo.+   Cela kum,+ ukuba ndikunike iintlanga njengelifa lakho+ Neziphelo zomhlaba njengelifa lakho.+   Uya kuziqhekeza ngentonga yobukhosi yentsimbi,+ Ngokungathi sisitya sombumbi uya kuziqhekeza zibe ziingceba.”+ 10  Ngoku ke, bokumkani, sebenzisani ingqiqo; Zivumeleni nilungiswe, bagwebi bomhlaba.+ 11  Mkhonzeni uYehova ngokoyika+ Nivuye ngokungcangcazela.+ 12  Mangeni unyana,+ ukuze Yena angabi nomsindo Nani ningatshabalali endleleni,+ Kuba umsindo wakhe uvutha lula.+ Banoyolo bonke abo basabela kuye.+

Umbhalo osemazantsi