Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Nd 19:1-14

Kumalathisi. Uncuthu lwengoma kaDavide. 19  Amazulu avakalisa uzuko lukaThixo;+ Yaye isibhakabhaka sixela umsebenzi wezandla zakhe.+   Usuku emva kolunye usuku lubangela ukumpompoza kwentetho,+ Yaye ubusuku emva kobunye ubusuku bubonakalisa ulwazi.+   Akukho ntetho, yaye akukho mazwi; Aliviwa ilizwi lawo.+   Ulutya lwawo lokulinganisa luphume lwaya emhlabeni wonke,+ Namazwi awo aya esiphelweni somhlaba onemveliso.+ Ulimisele kuwo ilanga intente,+   Kwaye lifana nomyeni xa ephuma egumbini lakhe lomsitho womtshato;+ Ligcoba njengokuba isenza indoda enamandla ukuze ibaleke emendweni.+   Liphuma kwesinye isiphelo samazulu, Lize liwugqibe umjikelo walo kwesinye isiphelo sawo;+ Yaye akukho nto ifihliweyo kubushushu balo.+   Umthetho+ kaYehova ugqibelele,+ ubuyisa umphefumlo.+ Isikhumbuzo+ sikaYehova sikholosekile,+ simenza abe nobulumko ongenamava.+   Imiyalelo+ evela kuYehova ithe tye,+ iyibangela ibe nemihlali intliziyo;+ Umyalelo+ kaYehova uhlambulukile,+ uwenza akhanye emehlo.+   Ukoyika+ uYehova kusulungekile, kumi ngonaphakade. Izigwebo+ zikaYehova ziyinyaniso;+ zingqineke zibubulungisa ngokupheleleyo.+ 10  Zinqweneleka ngakumbi kunegolide, ewe, kunegolide esulungekiswe kakhulu;+ Yaye zimnandi ngakumbi kunobusi+ nencindi yobusi bamanqatha.+ 11  Kwanomkhonzi wakho zimlumkisile;+ Ekuzigcineni kukho umvuzo omkhulu.+ 12  Iimpazamo—ngubani na onokuziqonda?+ Ndivakalise ndimsulwa ezonweni ezifihlakeleyo.+ 13  Nakwizenzo zokukhukhumala mnqande umkhonzi wakho;+ Musa ukuzivumela zindilawule.+ Ngaloo ndlela ndiya kugqibelela,+ Ndize ndihlale ndimsulwa ekunxaxheni. 14  Amazwi omlomo wam nokucamngca kwentliziyo yam+ Makukukholise, Yehova Liwa lam+ noMkhululi wam.+

Umbhalo osemazantsi