I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INdumiso 17:1-15

Umthandazo kaDavide. 17  Owu Yehova, kuve oko kububulungisa; nikela ingqalelo kwisikhalo sam sokubongoza;+ Wubekele indlebe umthandazo wam ongengowemilebe enenkohliso.+   Ngamana umgwebo wam ungaphuma phambi kwakho;+ Ngamana amehlo akho angabona okuthe tye.+   Uyigocagocile intliziyo yam, uyivelele ebusuku,+ Undisulungekisile; uya kufumanisa ukuba andicebanga nto.+ Umlomo wam awuyi kunxaxha.+   Ngokuphathelele imisebenzi yabantu, Ngelizwi lemilebe yakho ndizilindile kwiindlela zomphangi.+   Ukunyathela kwam makubambelele emkhondweni wakho,+ Amanyathelo am ngokuqinisekileyo angayi kushukunyiswa kuwo.+   Mna ndiyakubiza, ngenxa yokuba uya kundiphendula, Thixo.+ Yithobele kum indlebe yakho. Live ilizwi lam.+   Zenze zimangalise izenzo zakho zobubele obumangalisayo,+ Msindisi wabo bafuna indawo yokusabela Kwabo bavukelayo kwisandla sakho sasekunene.+   Ndigcine njengokhozo lweliso lakho,+ Ngamana ungandifihla emthunzini wamaphiko akho,+   Ngenxa yabangendawo abandiphangileyo. Iintshaba zomphefumlo wam zindivingcele.+ 10  Zithe fithi kukutyeba;+ Ngomlomo wazo zithethe ngekratshi;+ 11  Ngokubhekisele kumanyathelo ethu, ngoku zisingqongile;+ Amehlo azo ziwathambekisela emhlabeni.+ 12  Ufana nengonyama elangazelela ukuqwenga+ Kwanengonyama entsha ehleli kwiindawo ezifihlakeleyo. 13  Phakama, Yehova; ujamelane naye ubuso ngobuso;+ Menze aqubude; wusindise umphefumlo wam kwabangendawo ngekrele lakho,+ 14  Kumadoda, ngesandla sakho, Yehova,+ Kumadoda ale nkqubo+ yezinto, asabelo sawo sikobu bomi,+ Nasisu sawo usizalisa ngobuncwane obufihliweyo,+ Anelisekileyo ngoonyana+ Nabekela abantwana bawo oko kushiyekileyo.+ 15  Ke mna, ngobulungisa ndiya kububona ubuso bakho;+ ndiya kwaneliswa xa ndivuka ukuze ndibone imbonakalo yakho.+

Umbhalo osemazantsi