I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INdumiso 16:1-11

Imiktam kaDavide. 16  Ndigcine, Thixo, ngokuba ndisabela kuwe.+   Ndithe kuYehova: “UnguYehova; ukulunga kwam, akwenzelwanga wena,+   Kodwa kokwabo bangcwele emhlabeni. Bona, kwanabo banobungangamsha, ngabo abandiyolisayo.”+   Ziba ninzi iintlungu kwabo bathi, xa kukho omnye umntu, bakhawuleze ukumsukela.+ Andisayi kuyithulula iminikelo yabo ethululwayo yegazi,+ Yaye andiyi kuwathwala ngemilebe yam amagama abo.+   UYehova sisahlulo sesabelo endisinikiweyo+ nesendebe yam.+ Ulibambe waliqinisa iqashiso lam.   Izintya zokulinganisa zindiwele ezindaweni ezithandekayo.+ Eneneni, izinto zam zingqineke zikholekile kum.   Ndiya kumbonga uYehova, ondinike icebiso.+ Eneneni, ebudeni bobusuku izintso zam zindilungisile.+   UYehova ndimbeka phambi kwam rhoqo.+ Ngenxa yokuba ungakwisandla sam sasekunene, andiyi kushukunyiswa.+   Ngoko ke intliziyo yam inemihlali, nozuko lwam lutyekele ekuvuyeni.+ Nenyama yam iya kuhlala inqabisekile.+ 10  Kuba akuyi kuwushiya eShiyol umphefumlo wam.+ Akuyi kumvumela onyanisekileyo wakho abone umhadi.+ 11  Uya kundibangela ndiwubone umendo wobomi.+ Ebusweni bakho ndiba nemihlali ngokwaneleyo;+ Kwisandla sakho sasekunene kukho ubumnandi ngonaphakade.+

Umbhalo osemazantsi