Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INdumiso 15:1-5

Uncuthu lwengoma kaDavide. 15  Owu Yehova, ngubani na oya kuba lundwendwe ententeni yakho?+Ngubani na oya kuhlala entabeni yakho engcwele?+   Ngulowo uhamba ngokungenasiphoso+ eqhelisela ubulungisa+Yaye ethetha inyaniso ngentliziyo yakhe.+   Akanyelisanga ngolwimi lwakhe.+Kwiqabane lakhe akenzanga nto imbi,+Yaye lowo usenyongweni kuye akamngcikivanga.+   Emehlweni akhe uyamgatya nabani na odelekileyo,+Kodwa abo boyika uYehova uyababeka.+Ofunga angajiki, nokuba kubi kuye.+   Imali yakhe akanikezelanga ngayo ngenzala,+Yaye akathabathanga ukunyotywa nxamnye nalowo umsulwa.+Lowo wenza ezi zinto akasayi kuze agungqiswe.+

Umbhalo osemazantsi