I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INdumiso 148:1-14

148  Dumisani uYa!+ Dumisani uYehova emazulwini,+ Mdumiseni ezindaweni eziphakamileyo.+   Mdumiseni, nonke nina zingelosi zakhe.+ Mdumiseni, nonke nina mkhosi wakhe.+   Mdumiseni, nina langa nenyanga.+ Mdumiseni, nonke nina zinkwenkwezi ezikhanyayo.+   Mdumiseni, nina mazulu awo amazulu,+ Nani manzi angaphezu kwamazulu.+   Mazilidumise igama likaYehova;+ Kuba yena wayalela, zona zadalwa.+   Yaye uzigcina zimile ngonaphakade, ukusa kwixesha elingenammiselo.+ Unikele ummiselo, kwaye awuyi kudlula.+   Dumisani uYehova emhlabeni,+ Nina zilo zikhulu zaselwandle nani nonke manzi anzongonzongo,+   Wena mlilo nesichotho, khephu nawe ntshinyela yomsi,+ Wena moya uvuthuzayo, ufeza ilizwi lakhe,+   Nina zintaba nani nonke zinduli,+ Nina mithi yeziqhamo nani nonke misedare,+ 10  Nina zilwanyana zasendle nani nonke zilwanyana zasekhaya,+ Nina zinto zirhubuluzayo neentaka ezinamaphiko,+ 11  Nina bokumkani bomhlaba+ nani nonke maqela eentlanga, Nina zinkosana+ nani nonke bagwebi bomhlaba,+ 12  Nina bafana+ kwanani zintombi ezinyulu,+ Nina madoda amakhulu+ kunye namakhwenkwe.+ 13  Mabalidumise igama likaYehova,+ Kuba ligama lakhe lodwa eliphakame ngokungenakufikeleleka.+ Isidima sakhe siphezu komhlaba nezulu.+ 14  Yaye uya kuluphakamisa uphondo lwabantu bakhe,+ Indumiso yabo bonke abanyanisekileyo bakhe,+ Yoonyana bakaSirayeli, abantu abakufuphi kuye.+ Dumisani uYa!+

Umbhalo osemazantsi