I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INdumiso 147:1-20

147  Dumisani uYa!+ Kuba kulungile ukuculela uThixo wethu uncuthu lwengoma;+ Kuba kuyathandeka—indumiso ifanelekile.+   UYehova wakha iYerusalem;+ Abasasazekileyo bakaSirayeli ubabuthela ndawonye.+   Uyabaphilisa+ abo baphuke intliziyo,+ Uyazibopha iindawo zabo ezibuhlungu.+   Ubala inani leenkwenkwezi;+ Zonke uzibiza ngamagama azo.+   INkosi yethu inkulu yaye inamandla amakhulu;+ Ukuqonda kwayo akunakubaliswa.+   UYehova ukhulula abathobekileyo;+ Abangendawo ubathobela emhlabeni.+   Hlabelani kuYehova ngombulelo;+ Culelani uThixo wethu uncuthu lwengoma ngohadi,+   Lowo ugubungela amazulu ngamafu,+ Lowo ulungiselela umhlaba imvula,+ Lowo uhlumisa ingca eluhlaza ezintabeni.+   Unika izilo ukutya kwazo,+ Amantshontsho ehlungulu aqhubeka ekhala.+ 10  Akayoliswa ngamandla ehashe,+ Engakholiswa nayimilenze yomntu.+ 11  UYehova uyoliswa ngabo bamoyikayo,+ Ngabo balindela ububele bakhe bothando.+ 12  Mncome uYehova,+ Yerusalem. Mdumise uThixo wakho, Ziyon.+ 13  Kuba uyenze yomelela imivalo yamasango akho; Ubasikelele oonyana bakho phakathi kwakho.+ 14  Ubeka uxolo kummandla wakho;+ Uyaqhubeka ekwanelisa ngengqolowa etyebileyo.+ 15  Uthumela intetho yakhe emhlabeni;+ Ilizwi lakhe libaleka ngokukhawuleza. 16  Unikela ikhephu njengoboya;+ Iqabaka uyichithachitha kanye njengothuthu.+ 17  Uphosa umkhenkce wakhe njengamaqhekeza.+ Ngubani na onokuma phambi kwengqele yakhe?+ 18  Uthumela ilizwi lakhe+ lize linyibilikise. Ubangela kuvuthuze umoya wakhe;+ Amanzi ayathontsiza. 19  Uxelela uYakobi+ ilizwi lakhe, USirayeli+ imimiselo yakhe+ nezigwebo zakhe. 20  Akenzanga ngaloo ndlela kulo naluphi na olunye uhlanga;+ Zona ke izigwebo zakhe, azikhange zizazi.+ Dumisani uYa!+

Umbhalo osemazantsi