I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INdumiso 146:1-10

146  Dumisani uYa!+ Dumisa uYehova, mphefumlo wam.+   Ndiza kumdumisa uYehova ebudeni bexesha lokudla kwam ubomi.+ Ndiza kumculela uncuthu lwengoma uThixo wam lo gama ndisekho.+   Musani ukukholosa ngezidwangube,+ Nangonyana womntu wasemhlabeni, lowo ungenalo usindiso.+   Uyaphuma umoya wakhe,+ abuyele yena emhlabeni wakhe;+ Ngaloo mini ziyatshabalala iingcamango zakhe.+   Unoyolo lowo unoncedo olunguTHIXO kaYakobi,+ Othemba lakhe likuYehova uThixo wakhe,+   UMenzi wezulu nomhlaba,+ Wolwandle, nowazo zonke izinto ezikuzo,+ Lowo ugcina inyaniso ukusa kwixesha elingenammiselo,+   Lowo uphumezela abaqhathiweyo umgwebo,+ Lowo unika abalambileyo isonka.+ UYehova ukhulula abo babotshiweyo.+   UYehova uvula amehlo eemfama;+ UYehova uphakamisa abo baqubudileyo;+ UYehova uthanda abo bangamalungisa.+   UYehova ulinda abaphambukeli;+ Ukhulula inkwenkwe engenayise nomhlolokazi,+ Kodwa indlela+ yabangendawo uyenza ibe gwenxa.+ 10  UYehova uya kuba ngukumkani ukusa kwixesha elingenammiselo,+ UThixo wakho, Ziyon, kwizizukulwana ngezizukulwana.+ Dumisani uYa!+

Umbhalo osemazantsi