I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INdumiso 145:1-21

Indumiso, kaDavide. א [ʼA′leph] 145  Ndiza kukuphakamisa, Thixo wam Kumkani,+ Yaye ndiza kulibonga igama lakho ukusa kwixesha elingenammiselo, ewe, ngonaphakade.+ ב [Behth]   Imini yonke ndiza kukubonga,+ Kwaye ndiza kulidumisa igama lakho ukusa kwixesha elingenammiselo, ewe, ngonaphakade.+ ג [Gi′mel]   UYehova mkhulu yaye ngowokudunyiswa kakhulu,+ Nobukhulu bakhe abuphengululeki.+ ד [Da′leth]   Izizukulwana ngezizukulwana ziya kuyincoma imisebenzi yakho,+ Ziya kuzixela izenzo zakho zamandla.+ ה [Heʼ]   Ubungangamsha obuzukileyo besidima sakho+ Nemibandela yemisebenzi yakho emangalisayo ndiza kuzixhalabisa ngayo.+ ו [Waw]   Baya kuthetha ngamandla ezinto zakho ezoyikekayo;+ Bona ke ubukhulu bakho, ndiza kubuvakalisa.+ ז [Za′yin]   Baya kumpompoza ngokukhankanywa kobuninzi bokulunga kwakho,+ Nangenxa yobulungisa bakho baya kumemelela ngovuyo.+ ח [Chehth]   UYehova unobabalo nenceba,+ Uzeka kade umsindo yaye unobubele bothando kakhulu.+ ט [Tehth]   UYehova ulungile kubo bonke,+ Neenceba zakhe zikuyo yonke imisebenzi yakhe.+ י [Yohdh] 10  Yonke imisebenzi yakho iya kukubonga, Yehova,+ Nabanyanisekileyo bakho baya kukubonga.+ כ [Kaph] 11  Baya kuthetha ngozuko lobukumkani bakho,+ Nangamandla akho baya kuthetha,+ ל [La′medh] 12  Ukuba babazise oonyana babantu izenzo zakhe zamandla+ Nozuko lobungangamsha bobukumkani bakhe.+ מ [Mem] 13  Ubukumkani bakho bubukumkani ngawo onke amaxesha angenammiselo,+ Nolawulo lwakho lukuzo zonke izizukulwana eziya kulandelelana.+ ס [Sa′mekh] 14  UYehova uyabaxhasa bonke abawayo,+ Yaye uyabaphakamisa bonke abaqubudileyo.+ ע [ʽA′yin] 15  Amehlo onke akhangela kuwe ngethemba,+ Kwaye uyabanika ukutya kwabo ngexesha lako.+ פ [Peʼ] 16  Uyasivula isandla sakho+ Uze wanelise umnqweno wayo yonke into ephilayo.+ צ [Tsa·dheh′] 17  UYehova ulilungisa kuzo zonke iindlela zakhe+ Yaye unyanisekile kuyo yonke imisebenzi yakhe.+ ק [Qohph] 18  Usondele uYehova kubo bonke abo bambizayo,+ Kubo bonke abo bambiza ngenyaniso.+ ר [Rehsh] 19  Uya kukwenza oko kunqwenelwa ngabo bamoyikayo,+ Nokukhalela kwabo uncedo uya kukuva, yaye uya kubasindisa.+ ש [Shin] 20  UYehova uyabalinda bonke abo bamthandayo,+ Kodwa bonke abangendawo uya kubabhubhisa.+ ת [Taw] 21  Umlomo wam uya kuthetha indumiso kaYehova;+ Inyama yonke mayilibonge igama lakhe elingcwele ukusa kwixesha elingenammiselo, ewe, ngonaphakade.+

Umbhalo osemazantsi