Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INdumiso 144:1-15

EkaDavide. 144  Makabongwe uYehova iLiwa lam,+Ofundisa izandla zam ukulwa,+Iminwe yam imfazwe;   Ububele bam bothando negwiba lam,+Indawo yam ephakamileyo enqabisekileyo noMsindisi wam,+Ikhaka lam+ naLowo ndisabela kuye,+Lowo woyisa izizwana phantsi kwam.+   Owu Yehova, uyintoni na umntu le nto umphawulayo,+Unyana womntu ofayo+ le nto umgqalayo?   Umntu ufana nomphunga nje;+Imihla yakhe injengethunzi elidlulayo.+   Owu Yehova, thoba amazulu akho ukuze uhle;+Chukumisa iintaba ukuze ziqhume.+   Banekisa imibane ukuze ubachithachithe;+Thumela iintolo zakho ukuze uvuse isiphithiphithi kubo.+   Yolula izandla zakho ukwindawo ephakamileyo;+Ndikhulule uze undihlangule emanzini amaninzi,+Esandleni sabasemzini,+   Abamlomo uthethe oko kungeyonyaniso+Nabasandla sabo sasekunene sisisandla sasekunene sobuxoki.+   Owu Thixo, ndiza kukuvumela ingoma entsha.+Ndiza kukuculela uncuthu lwengoma ngomrhubhe ontambo zilishumi,+ 10  Lowo unika ookumkani usindiso,+Lowo ukhulula uDavide umkhonzi wakhe kwikrele elenzakalisayo.+ 11  Ndikhulule, undihlangule esandleni sabasemzini,+Abamlomo uthethe oko kungeyonyaniso+Nabasandla sabo sasekunene sisisandla sasekunene sobuxoki,+ 12  Abathi: “Oonyana bethu banjengezityalo ezincinane ezikhulayo ebutsheni babo,+Iintombi zethu zinjengeembombo ezikrolwe ngesimbo sebhotwe, 13  Oovimba bethu bazele, bevelisa iimveliso eziziintlobo ngeentlobo,+Imihlambi yethu yande ngamawaka, omnye waba ngamawaka alishumi, ezitratweni zethu, 14  Iinkomo zethu zisindwa ngumthwalo, kungekho nakuphi na ukutyhoboza yaye kungekho kuphuma sisu,+Kungekho sikhalo kwiindawo zethu zembutho.+ 15  Banoyolo abantu ekunjalo kubo!”Banoyolo abantu abaThixo wabo unguYehova!+

Umbhalo osemazantsi