Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Khangela

AmaNgqina KaYehova

Khetha ulwimi IsiXhosa

INdumiso 143:1-12

Uncuthu lwengoma kaDavide. 143  Owu Yehova, yiva umthandazo wam;+Sibekele indlebe isibongozo sam.+Ekuthembekeni kwakho ndiphendule ngobulungisa bakho.+   Musa ukumsa ematyaleni umkhonzi wakho;+Kuba phambi kwakho akukho bani uphilayo unokuba lilungisa.+   Kuba utshaba lusukele umphefumlo wam;+Lubutyumzele emhlabeni ubomi bam.+Lundihlalise ezindaweni ezimnyama njengabo bafileyo ixesha elingenammiselo.+   Nomoya wam+ utyhafile ngaphakathi kwam;Phakathi kwam intliziyo yam iba ndindisholo.+   Ndikhumbule imihla yakudala;+Ndicamngce ngawo wonke umsebenzi wakho;+Ngokuzithandela ndihleli ndizixhalabisa ngomsebenzi wezandla zakho.+   Ndolulele izandla zam kuwe;+Umphefumlo wam unjengelizwe elibharhileyo kuwe.+ Seʹlah.   Khawuleza, undiphendule, Yehova.+Umoya wam uphelile.+Musa ukubufihla ubuso bakho kum,+Okanye kungenjalo ndimele ndifane nabo behla baye emhadini.+   Kusasa ndivise ububele bakho bothando,+Kuba ndikholose ngawe.+Ndazise indlela endifanele ndihambe ngayo,+Kuba ndiwuphakamisele kuwe umphefumlo wam.+   Ndihlangule ezintshabeni zam, Yehova.+Ndizimele ngawe.+ 10  Ndifundise ukwenza ukuthanda kwakho,+Kuba wena unguThixo wam.+Umoya wakho ulungile;+Ngamana ungandikhokelela elizweni labathe tye.+ 11  Ngenxa yegama lakho,+ Yehova, ngamana ungandigcina ndiphila.+Ngobulungisa bakho+ ngamana ungawukhupha umphefumlo wam ekubandezelekeni.+ 12  Ngobubele bakho bothando ngamana ungazithulisa iintshaba zam;+Kwaye umele ubatshabalalise bonke abo babonakalisa ubutshaba emphefumlweni wam,+Kuba ndingumkhonzi wakho.+

Umbhalo osemazantsi