Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INdumiso 142:1-7

IMaskili. EkaDavide, xa wayesemqolombeni.+ Umthandazo. 142  Ngelizwi lam, ndamemeza kuYehova ndicela uncedo;+ Ngelizwi lam, ndakhala kuYehova ndifuna ubabalo.+   Ndakuphalazela kuye ukuxhalaba kwam;+ Ndaqhubeka ndikuxela kuye ukubandezeleka kwam,+   Ekutyhafeni komoya wam+ ngaphakathi kwam. Wandula ke wena wayazi indlela yam.+ Emendweni endihamba ngawo+ Bandifihlele isibatha.+   Khangela ngasekunene uze ubone Ukuba akukho bani unikela nayiphi na ingqalelo kum.+ Indawo yam yokusabela itshabalele kum;+ Akukho bani ubuzisayo ngomphefumlo wam.+   Ndimemeze kuwe, Yehova, ndicela uncedo.+ Ndathi: “Uyindawo yam yokusabela,+ Isabelo sam+ elizweni labaphilayo.”+   Nikela ingqalelo kwisikhalo sam sokubongoza,+ Kuba ndihlwempuzeke kakhulu.+ Ndihlangule kubatshutshisi bam,+ Kuba bomelele ngakumbi kunam.+   Wukhuphe entolongweni umphefumlo wam+ Ukuze ndibonge igama lakho.+ Mandiphahlwe ngamalungisa,+ Ngenxa yokuba undiphatha ngokufanelekileyo.+

Umbhalo osemazantsi