I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INdumiso 141:1-10

Uncuthu lwengoma kaDavide. 141  Owu Yehova, ndibize kuwe.+ Khawuleza uze kum.+ Libekele indlebe ilizwi lam ekubizeni kwam kuwe.+   Ngamana umthandazo wam ungalungiselelwa njengempepho+ phambi kwakho,+ Ukuphakanyiswa kwezandla zam zam kube njengomnikelo wokudla okuziinkozo wangokuhlwa.+   Wubekele umlindi, Yehova, umlomo wam;+ Wubekele umlindi umnyango wemilebe yam.+   Intliziyo yam musa ukuyithobela nantoni na embi,+ Ukuba iqhubeke nezenzo ezibi ngobungendawo+ Kunye nabantu abaqhelisela okwenzakalisayo,+ Ukuze ndingadli izinto zabo ezimnandi.+   Ukuba ilungisa lingandibetha, bekuya kuba bububele bothando obo;+ Yaye ukuba lingandohlwaya, bekuya kuba yioli oko entloko,+ Nto leyo intloko yam ibingayi kufuna ukuyala.+ Kuba bekusaya kubakho umthandazo wam nasebudeni beentlekele zabo.+   Abagwebi babo baphoswe phantsi emacaleni engxondorha,+ Kodwa bawavile amazwi am, ukuba ayathandeka.+   Njengaxa ubani ecanda yaye esahlukanisa umhlaba, Amathambo ethu achithachithwe emlonyeni weShiyol.+   Noko ke, amehlo am akuwe,+ Yehova Nkosi enguMongami.+ Ndisabela kuwe.+ Musa ukuwuphalaza umphefumlo wam.+   Ndigcine kumabamba esibatha abandibekele sona+ Nasemigibeni yabo baqhelisela okwenzakalisayo.+ 10  Abangendawo baya kuwela eminatheni yabo xa bebonke,+ Ngoxa mna ndidlula.

Umbhalo osemazantsi