I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INdumiso 140:1-13

Kumalathisi. Uncuthu lwengoma kaDavide. 140  Ndihlangule, Yehova, kubo abantu ababi;+ Ngamana ungandilondoloza nasemntwini wezenzo zogonyamelo,+   Abo baceba izinto ezimbi entliziyweni yabo,+ Abaqhubeka behlasela imini yonke njengasezimfazweni.+   Balulolile ulwimi lwabo njengolo lwenyoka;+ Ubuhlungu berhamba elineempondwana buphantsi kwemilebe yabo.+ Se′lah.   Ndigcine, Yehova, ezandleni zongendawo;+ Ngamana ungandilondoloza nasemntwini wezenzo zogonyamelo,+ Abo bacebe ukukhubekisa amanyathelo am.+   Abaziphakamisileyo bandifihlele isibatha;+ Yaye baneke iintsontelo njengomnatha ecaleni komkhondo.+ Bandibekele imigibe.+ Se′lah.   Ndithe kuwe Yehova: “UnguThixo wam.+ Beka indlebe, Yehova, elizwini lezibongozo zam.”+   Owu Yehova Nkosi enguMongami,+ mandla osindiso lwam,+ Uyikhusele intloko yam ngemini yomkhosi oxhobileyo.+   Musa ukumnika, Yehova, iminqweno yongendawo.+ Musa ukukuxhasa ukwenza kwakhe amayelenqe, ukuze bangaphakanyiswa.+ Se′lah.   Zona ke iintloko zabo bandingqongileyo,+ Ngamana bangagutyungelwa yinkathazo yemilebe yabo.+ 10  Ngamana bangaphoselwa amalahle avuthayo.+ Mabawiswe emlilweni,+ emihadini enamanzi, ukuze bangabi nakuvuka.+ 11  Othetha kakhulu—makangamiselwa ngokuqinileyo emhlabeni.+ Umntu wogonyamelo—ububi mabumzingele, bumntlokothise ngokuphindaphindiweyo.+ 12  Ndiyazi ukuba uYehova uya kuliphumeza+ Ibango elisemthethweni loxhwalekileyo, umgwebo wamahlwempu.+ 13  Ngokuqinisekileyo amalungisa aya kubulela kwigama lakho;+ Abathe tye baya kuhlala phambi kobuso bakho.+

Umbhalo osemazantsi