I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INdumiso 14:1-7

Kumalathisi. EkaDavide. 14  Lowo ungenangqiqo uthe entliziyweni yakhe: “Akakho uYehova.”+ Benze ngokonakala,+ ziyacekiseka izenzo zabo. Akukho namnye owenza okulungileyo.+   Ke yena uYehova, ukhangele phantsi koonyana babantu esezulwini,+ Ukuze abone enoba kukho nabani na onengqiqo, nabani na ofuna uYehova.+   Bonke baphambukile,+ bonke bonakele ngokufanayo;+ Akukho namnye owenza okulungileyo,+ Nokuba abe mnye.+   Ngaba akukho namnye kwabo baqhelisela okwenzakalisayo onolwazi,+ Badla abantu bam njengoko besidla isonka?+ Abambizanga noYehova.+   Apho bazaliswa lunkwantyo olukhulu,+ Kuba uYehova uphakathi kwesizukulwana sabangamalungisa.+   Icebo lalowo uxhwalekileyo niya kulihlazisa, Ngenxa yokuba uYehova uyindawo yakhe yokusabela.+   Owu akwaba usindiso lukaSirayeli beluseZiyon!+ Ekubuyiseni kukaYehova abantu bakhe abathinjiweyo,+ Makavuye uYakobi, abe nemihlali uSirayeli.+

Umbhalo osemazantsi