Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

Khetha ulwimi IsiXhosa

INdumiso 139:1-24

Kumalathisi. EkaDavide. Uncuthu lwengoma. 139  Owu Yehova, undigocagocile, yaye uyandazi.+   Wena uyakwazi ukuhlala kwam nokuvuka kwam.+Uziqwalasele iingcamango zam ukude.+   Ukuhamba kwam nokulala kwam ndinabile ukulinganisile,+Kwaye uye waqhelana nazo zonke iindlela zam.+   Kuba akukho lizwi elulwimini lwam,+Kodwa, khangela! Owu Yehova, sele ukwazi konke.+   Ngasemva nangaphambili, undingqingile;Yaye ubeka isandla sakho phezu kwam.   Ulwazi olunjalo lundimangalisa gqitha.+Luphakame kangangokuba andinakulufikelela.+   Ndingaya phi na ndisuke emoyeni wakho,+Yaye ndingabalekela phi na ndimke ebusweni bakho?+   Ukuba ndinganyukela ezulwini, ubuya kuba lapho;+Nokuba ndingandlala isingqengqelo sam eShiyol, khangela! ubuya kuba lapho.+   Ukuba ndingathabatha amaphiko+ esifingo,Ukuze ndihlale kolona lwandle luthe qelele,+ 10  Nalapho isandla sakho besiya kundikhokela+Isandla sakho sokunene besiya kundibamba.+ 11  Nokuba bendingathi: “Ngokuqinisekileyo ubumnyama buya kundibamba ngokungxama!”+Ngoko ubusuku bebuya kuba kukukhanya ngeenxa zonke kum.+ 12  Nobumnyama obo bebungayi kungqineka bumnyama gqitha kuwe,+Kodwa ubusuku bebuya kukhanya kanye njengemini;+Ubumnyama bungasuka nje bube njengokukhanya.+ 13  Kuba wena wavelisa izintso zam;+Wandibiyela esiswini sikama.+ 14  Ndiya kukubonga ngenxa yokuba ngendlela eyoyikekayo ndenziwe ngokumangalisayo.+Imisebenzi yakho iyamangalisa,+Njengoko umphefumlo wam uqonda kakuhle.+ 15  Amathambo am ayengafihlakalanga kuwe+Ukwenziwa kwam emfihlekweni,+Xa ndalukwayo kwezona nxalenye zisezantsi+ zomhlaba. 16  Amehlo akho andibona ndiseyimbumba,+Yaye zonke iinxalenye zam zazibhalwe phantsi encwadini yakho,Ngokubhekisele kwiimini ezayilwa ngazo+Kwakungekabikho nanye phakathi kwazo. 17  Ngoko, hayi indlela ezixabiseke ngayo iingcamango zakho kum!+Owu Thixo, hayi indlela esisikhulu ngayo isimbuku sazo!+ 18  Ukuba bendingazama ukuzibala, zininzi ngakumbi kunentlabathi.+Ndivukile, ukanti ndisekunye nawe.+ 19  Owu ukuba nje, wena Thixo, ubungambulala ongendawo!+Ngoko abantu abanetyala legazi+ ngokuqinisekileyo baya kumka kum. 20  Abathetha izinto ngawe ngokwengcinga yabo;+Bathabathe igama lakho ngendlela engento yanto+—iintshaba zakho.+ 21  Andibathiyanga na abo bakuthiya kakhulu, Yehova,+Yaye andiziva ndizothekile na ngabo bakuvukelayo?+ 22  Ndibathiya ngentiyo epheleleyo.+Kum babe ziintshaba zokwenene.+ 23  Ndigocagoce, Thixo, uze uyazi intliziyo yam.+Ndihlolisise, uze uzazi iingcamango zam eziphazamisayo,+ 24  Ubone enoba kukho nayiphi na indlela yobubi kum,+Undikhokelele endleleni+ yexesha elingenammiselo.

Umbhalo osemazantsi