Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INdumiso 138:1-8

EkaDavide. 138  Ndiya kukubonga ngentliziyo yam yonke.+Phambi kwabanye oothixo ndiya kukuculela uncuthu lwengoma.+   Ndiya kuqubuda ngasetempileni yakho engcwele,+Kwaye ndiya kulibonga igama lakho,+Ngenxa yobubele bakho bothando+ nangenxa yenyaniso yakho.+Kuba ulenze likhulu ilizwi lakho+ nangaphezu kwegama lakho lonke.+   Ngemini endakubiza ngayo, wandiphendula;+Wandikhaliphisa ngamandla emphefumlweni wam.+   Bonke ookumkani bomhlaba baya kukubonga, Yehova,+Kuba baya kube bewavile amazwi omlomo wakho.   Yaye baya kuvuma ngeendlela zikaYehova,+Kuba uzuko lukaYehova lukhulu.+   Kuba uYehova uphakamile, ukanti uyambona othobekileyo;+Kodwa ophakamileyo umazela mgama kuphela.+   Ukuba ndingahamba phakathi kokubandezeleka, uya kundilondoloza.+Ngenxa yomsindo weentshaba zam uya kolula isandla sakho,+Yaye isandla sakho sasekunene siya kundisindisa.+   UYehova uya kundiphelelisela okwam.+Owu Yehova ububele bakho bothando bukho ukusa kwixesha elingenammiselo.+Musa ukuyishiya imisebenzi yezandla zakho.+

Umbhalo osemazantsi