Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INdumiso 136:1-26

136  Bulelani kuYehova, kuba ulungile:+Kuba ububele bakhe bothando bukho ukusa kwixesha elingenammiselo;+   Bulelani kuTHIXO woothixo:+Kuba ububele bakhe bothando bukho ukusa kwixesha elingenammiselo;+   Bulelani kwiNkosi yeenkosi:+Kuba ububele bayo bothando bukho ukusa kwixesha elingenammiselo;+   KuMenzi wezinto ezimangalisayo nezinkulu ngokwakhe:+Kuba ububele bakhe bothando bukho ukusa kwixesha elingenammiselo;+   KuLowo wenza amazulu ngokuqonda:+Kuba ububele bakhe bothando bukho ukusa kwixesha elingenammiselo;+   KuLowo utwabulula umhlaba phezu kwamanzi:+Kuba ububele bakhe bothando bukho ukusa kwixesha elingenammiselo;+   KuLowo wenza izikhanyiso ezikhulu:+Kuba ububele bakhe bothando bukho ukusa kwixesha elingenammiselo;+   Kwanelanga ukuba lilawule emini:+Kuba ububele bakhe bothando bukho ukusa kwixesha elingenammiselo;+   Inyanga neenkwenkwezi ukuba zilawule kunye ebusuku:+Kuba ububele bakhe bothando bukho ukusa kwixesha elingenammiselo;+ 10  KuLowo uxabela iYiputa kumazibulo awo:+Kuba ububele bakhe bothando bukho ukusa kwixesha elingenammiselo;+ 11  NaLowo ukhupha uSirayeli phakathi kwawo:+Kuba ububele bakhe bothando bukho ukusa kwixesha elingenammiselo;+ 12  Ngesandla esomeleleyo nengalo eyoluliweyo:+Kuba ububele bakhe bothando bukho ukusa kwixesha elingenammiselo; 13  KuLowo wahlukanisa uLwandle Olubomvu lwaziinxalenye:+Kuba ububele bakhe bothando bukho ukusa kwixesha elingenammiselo;+ 14  Nowabangela uSirayeli adlule phakathi kulo:+Kuba ububele bakhe bothando bukho ukusa kwixesha elingenammiselo;+ 15  Nowavuthulula uFaro nomkhosi wakhe wamajoni kuLwandle Olubomvu:+Kuba ububele bakhe bothando bukho ukusa kwixesha elingenammiselo;+ 16  KuLowo wenza abantu bakhe bahambe entlango:+Kuba ububele bakhe bothando bukho ukusa kwixesha elingenammiselo;+ 17  KuLowo uxabela ookumkani abakhulu:+Kuba ububele bakhe bothando bukho ukusa kwixesha elingenammiselo;+ 18  Nowabulala ookumkani abaziingangamsha:+Kuba ububele bakhe bothando bukho ukusa kwixesha elingenammiselo;+ 19  KwanoSihon ukumkani wama-Amori:+Kuba ububele bakhe bothando bukho ukusa kwixesha elingenammiselo;+ 20  No-Ogi ukumkani waseBhashan:+Kuba ububele bakhe bothando bukho ukusa kwixesha elingenammiselo;+ 21  Nowanikela ilizwe labo laba lilifa:+Kuba ububele bakhe bothando bukho ukusa kwixesha elingenammiselo;+ 22  Ilifa kuSirayeli umkhonzi wakhe:+Kuba ububele bakhe bothando bukho ukusa kwixesha elingenammiselo;+ 23  Owasikhumbulayo ebudeni bokuthotywa kwethu:+Kuba ububele bakhe bothando bukho ukusa kwixesha elingenammiselo;+ 24  Nowathi ngokuphindaphindiweyo wasikhulula kwiintshaba zethu:+Kuba ububele bakhe bothando bukho ukusa kwixesha elingenammiselo;+ 25  Lowo unika inyama yonke ukutya:+Kuba ububele bakhe bothando bukho ukusa kwixesha elingenammiselo;+ 26  Bulelani kuTHIXO wamazulu:+Kuba ububele bakhe bothando bukho ukusa kwixesha elingenammiselo.+

Umbhalo osemazantsi