I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INdumiso 135:1-21

135  Dumisani uYa!+ Dumisani igama likaYehova,+ Nikelani indumiso, nina bakhonzi bakaYehova,+   Nina nimiyo endlwini kaYehova,+ Ezintendelezweni zendlu yoThixo wethu.+   Dumisani uYa, kuba uYehova ulungile.+ Liculeleni uncuthu lwengoma igama lakhe, kuba liyathandeka.+   Kuba uYa uzinyulele uYakobi kanye,+ USirayeli ukuba abe yinqobo kuye.+   Kuba mna ndiyazi ukuba uYehova mkhulu,+ Yaye iNkosi yethu ingaphezu kwabo bonke abanye oothixo.+   Yonk’ into uYehova ayoliswe kukuyenza uyenzile+ Emazulwini nasemhlabeni, kwiilwandle nasemanzini onke anzongonzongo.+   Unyusa umphunga eziphelweni zomhlaba;+ Imvula uyenzele imijelo;+ Ukhupha umoya koovimba bakhe,+   Lowo waxabela amazibulo aseYiputa,+ Kokubini umntu nesilo.+   Wathumela imiqondiso nemimangaliso phakathi kwakho, Yiputa,+ KuFaro nakubakhonzi bakhe bonke;+ 10  Lowo waxabela iintlanga ezininzi+ Wabulala nookumkani abanamandla,+ 11  KwanoSihon ukumkani wama-Amori+ No-Ogi ukumkani waseBhashan+ Nazo zonke izikumkani zakwaKanan,+ 12  Nowanikela ilizwe labo laba lilifa,+ Ilifa kuSirayeli abantu bakhe.+ 13  Owu Yehova, igama lakho likho ukusa kwixesha elingenammiselo.+ Owu Yehova, isikhumbuzo sakho sikwizizukulwana ngezizukulwana.+ 14  Kuba uYehova uya kuligweba ityala labantu bakhe,+ Kwaye uya kuzisola nangenxa yabakhonzi bakhe.+ 15  Izithixo zeentlanga yisilivere negolide,+ Umsebenzi wezandla zomntu wasemhlabeni.+ 16  Zinomlomo, kodwa azithethi;+ Zinamehlo, kodwa aziboni;+ 17  Zineendlebe, kodwa aziva.+ Akukho moya emlonyeni wazo.+ 18  Abo bazenzayo baya kuba njengazo,+ Wonk’ ubani okholosa ngazo.+ 19  Nina ndlu kaSirayeli, bongani uYehova.+ Nina ndlu ka-Aron, bongani uYehova.+ 20  Nina ndlu kaLevi, bongani uYehova.+ Nina bamoyikayo uYehova, bongani uYehova.+ 21  Makabongwe uYehova eZiyon,+ Ohlala eYerusalem.+ Dumisani uYa!+

Umbhalo osemazantsi