I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INdumiso 132:1-18

INgoma yeZinyuko. 132  Mkhumbulele, Yehova, uDavide+ Konke ukuthotywa kwakhe;+   Indlela awafunga ngayo kuYehova,+ Indlela awabhambathisa ngayo kuLowo unaMandla+ kaYakobi wathi:+   “Andizi kungena ententeni yendlu yam.+ Andizi kunyuka ndiye emandlalweni kwindawo yam yokuphumla ezukileyo,+   Andizi kuwanika ubuthongo,+ Nokozela amehlo am aqaqambileyo,+   Ndide ndimfumanele indawo uYehova,+ Umnquba ozukileyo waLowo unaMandla kaYakobi.”+   Khangela! Sivile ngawo e-Efratha,+ Siwufumene emihlabeni yehlathi.+   Masingene emnqubeni wakhe ozukileyo;+ Masiqubude esitulweni seenyawo zakhe.+   Khawusukume, Yehova, uye endaweni yakho yokuphumla,+ Wena neTyeya+ yamandla akho.+   Ababingeleli bakho mabambeswe ubulungisa,+ Nabanyanisekileyo bakho mabamemelele ngovuyo.+ 10  Ngenxa kaDavide umkhonzi wakho,+ Musa ukubujika ubuso bothanjisiweyo wakho.+ 11  UYehova ufungile kuDavide,+ Enyanisweni akayi kuhlehla kuko oko:+ “Owesiqhamo sesisu sakho+ Ndiya kumbeka etroneni yakho.+ 12  Ukuba oonyana bakho baya kuwugcina umnqophiso wam+ Nezikhumbuzo zam endiya kubafundisa zona,+ Kwanoonyana babo ngonaphakade+ Baya kuhlala etroneni yakho.”+ 13  Kuba uYehova unyule iZiyon;+ Uyilangazelele ukuba ibe yindawo yakhe yokuhlala:+ 14  “Yiyo le indawo yam yokuphumla ngonaphakade;+ Ndiya kuhlala apha, kuba ndiyilangazelele.+ 15  Isixhaso sayo ndiya kusisikelela nakanjani na.+ Amahlwempu ayo ndiya kuwanelisa ngesonka.+ 16  Nababingeleli bayo ndiya kubambesa ngosindiso;+ Nabanyanisekileyo bayo nakanjani na baya kumemelela ngovuyo. 17  Ndiya kulukhulisa apho uphondo lukaDavide.+ Lowo uthanjisiweyo wam ndimmisele ngolungelelwano isibane.+ 18  Iintshaba zakhe ndiya kuzambesa ngehlazo;+ Kodwa kuye isithsaba+ sakhe siya kuchuma.”+

Umbhalo osemazantsi