I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INdumiso 130:1-8

INgoma yeZinyuko. 130  Ndisezinzulwini ndibize kuwe, Yehova.+   Owu Yehova, live ilizwi lam.+ Ngamana iindlebe zakho zingaliphulaphula ilizwi lesibongozo sam.+   Ukuba ubulinda iziphoso,+ Ya, Owu Yehova, ngubani na obenokuma?+   Kuba ukuxolela kokwenyaniso kukuwe,+ Ukuze woyikwe.+   Bendinethemba, Yehova, umphefumlo wam ubunethemba,+ Yaye ndilindele ilizwi lakhe.+   Umphefumlo wam ulindele kuYehova+ Ngaphezu kwabalindi bakusasa,+ Belindele intsasa.+   USirayeli makaqhubeke elindele kuYehova.+ Kuba ububele bothando bukuYehova,+ Yaye ininzi inkululo yakhe.+   Yaye yena uya kumkhulula uSirayeli kuzo zonke iziphoso zakhe.+

Umbhalo osemazantsi