I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INdumiso 13:1-6

Kumalathisi. Uncuthu lwengoma kaDavide. 13  Koda kube nini na undilibala, Yehova?+ Ngonaphakade na?+ Koda kube nini na ubufihlile ubuso bakho kum?+   Koda kube nini na ndixhathisa ngomphefumlo wam, Intliziyo yam iba sentlungwini emini? Koda kube nini na utshaba lwam luphakanyiswa ngaphezu kwam?+   Ndikhangele; ndiphendule, Yehova Thixo wam. Wenze akhanye amehlo am,+ ukuze ndingalali ekufeni,+   Ukuze utshaba lwam lungathi: “Ndimoyisile!” Ukuze iintshaba zam zingavuyi ngenxa yokuba ndishukunyisiwe.+   Ke mna, ndikholose ngobubele bakho bothando;+ Mayivuye intliziyo yam ngosindiso lwakho.+   Ndiya kumvumela ingoma uYehova, kuba uqhubene nam ngokunomvuzo.+

Umbhalo osemazantsi