I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INdumiso 127:1-5

INgoma yeZinyuko. EkaSolomon. 127  Ngaphandle kokuba uYehova uyayakha indlu,+ Kulilize ukusebenza nzima kwabakhi bayo kuyo.+ Ngaphandle kokuba uYehova uyasilinda isixeko,+ Kulilize ukuhlala komlindi ephaphile.+   Kulilize ukuvuka kwenu ekuseni,+ Ukungahlali kwenu phantsi kude kuhlwe,+ Ukutya kwenu ukutya nisezintlungwini.+ Kanye ngolu hlobo uyinika ubuthongo intanda yakhe.+   Khangela! Oonyana balilifa elivela kuYehova;+ Isiqhamo sesisu singumvuzo.+   Njengeentolo esandleni sendoda enamandla,+ Banjalo oonyana bobutsha.+   Inoyolo indoda eyomeleleyo+ ezalise umphongolo wayo ngabo. Abayi kuba neentloni,+ Kuba baya kuthetha neentshaba esangweni.

Umbhalo osemazantsi