Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Nd 126:1-6

INgoma yeZinyuko. 126  Ekubabuyiseni kukaYehova abathinjwa baseZiyon,+ Saba njengabo babephupha.+   Ngelo xesha umlomo wethu wazaliswa kukuhleka,+ Nolwimi lwethu yintswahla yovuyo.+ Ngelo xesha batsho phakathi kweentlanga ukuthi:+ “Inkulu into abenzele yona uYehova.”+   Inkulu into asenzele yona uYehova.+ Siye savuya.+   Libuyise, Yehova, iqela labathinjwa bethu,+ Njengemisinga yaseNegebhi.+   Abo bahlwayela imbewu ngeenyembezi+ Baya kuvuna ngentswahla yovuyo.+   Nalowo uthi nakanjani na aphume, elila,+ Ethwele ingxowa ezele yimbewu,+ Nakanjani na uya kufika enentswahla yovuyo,+ Ethwele izithungu zakhe.+

Umbhalo osemazantsi