I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INdumiso 125:1-5

INgoma yeZinyuko. 125  Abo bakholosa ngoYehova+ BanjengeNtaba yeZiyon,+ engenakushukunyiswa, kodwa ihleli kude kube lixesha elingenammiselo.+   IYerusalem—njengoko ijikelezwe ziintaba,+ Ngoko uYehova ubajikelezile abantu bakhe+ Ukususela ngoku kuse kwixesha elingenammiselo.+   Kuba intonga yobungendawo ayiyi kuhlala iphumle+ phezu kwesabelo samalungisa, Ukuze amalungisa angoluleli isandla sawo kuko nakuphi na ukwenza ububi.+   Yenza okulungileyo, Yehova, kwabo balungileyo,+ Kwabo kanye bathe tye ezintliziyweni zabo.+   Bona ke abo bathi gu bucala baye ezindleleni zabo ezigwenxa,+ UYehova uya kubenza bemke kunye nabo baqhelisela okwenzakalisayo.+ Kuya kubakho uxolo phezu koSirayeli.+

Umbhalo osemazantsi