I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INdumiso 121:1-8

INgoma yeZinyuko. 121  Ndiya kuwaphakamisela ezintabeni amehlo am.+ Luya kuvela phi na uncedo lwam?+   Uncedo lwam luvela kuYehova,+ UMenzi wezulu nomhlaba.+   Akunakwenzeka ukuba avumele unyawo lwakho lutyibilike.+ Akunakwenzeka ukuba Lowo ukulindileyo ozele.+   Khangela! Akayi kozela, engayi kulala,+ Lowo ulinde uSirayeli.+   UYehova ukulindile.+ UYehova ungumthunzi wakho+ ngasekunene kwakho.+   Emini akuyi kubethwa lilanga,+ Nayinyanga ebusuku.+   UYehova uya kukulinda entlekeleni yonke.+ Uya kuwulinda umphefumlo wakho.+   UYehova uya kukulinda ukuphuma kwakho nokungena kwakho+ Ukususela ngoku kuse kwixesha elingenammiselo.+

Umbhalo osemazantsi