Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Nd 120:1-7

INgoma yeZinyuko. 120  Ndabiza kuYehova ekubandezelekeni kwam,+ Yaye wandiphendula.+   Owu Yehova, khawuhlangule umphefumlo wam kwimilebe yobuxoki,+ Elulwimini lwenkohliso.+   Uya kukunika ntoni na umntu, yaye uya kongezelela ntoni na kuwe, Lulwimindini lunenkohliso?+   Iintolo eziloliweyo zendoda enamandla,+ Kunye namalahle avuthayo omthi womtshayelo.+   Yeha ke mna, kuba ndihleli njengomphambukeli kwaMesheki!+ Ndimise umnquba kunye neentente zakwaKedare.+   Sekulithuba elide kakhulu umphefumlo wam umise umnquba+ Kunye nabo baluthiyileyo uxolo.+   Ndimela uxolo;+ kodwa xa ndithetha, Bona bangabemfazwe.+

Umbhalo osemazantsi