I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INdumiso 12:1-8

Kumalathisi wenowuthi ephantsi.+ Uncuthu lwengoma kaDavide. 12  Ndisindise,+ Yehova, kuba lowo unyanisekileyo ufikelele esiphelweni;+ Kuba abantu abathembekileyo bathe shwaka phakathi koonyana babantu.   Bayaqhubeka bethetha okungeyonyaniso omnye komnye;+ Ngomlebe ogudileyo+ bayaqhubeka bethetha nangentliziyo embaxa.+   UYehova uya kuyinqumla yonke imilebe egudileyo, Ulwimi oluthetha izinto ezinkulu,+   Abo bathe: “Ngolwimi lwethu siya koyisa.+ Imilebe yethu ikuthi. Ngubani na oya kuba yinkosi  kuthi?”   “Ngenxa yokuphangwa kwabo baxhwalekileyo, ngenxa yokuncwina kwabo bangamahlwempu,+ Ngesi sihlandlo ndiya kuvuka,” utsho uYehova.+ “Ndiya kumbeka endaweni ekhuselekileyo kuye nabani na omfuthelayo.”+   Amazwi kaYehova ngamazwi asulungekileyo,+ Njengesilivere esulungekiswe kwiziko lokunyibilikisa lomhlaba, yacikizwa kasixhenxe.   Wena, Yehova, uya kubalinda;+ Uya kugcina ngamnye kwesi sizukulwana kuse kwixesha elingenammiselo.   Abangendawo bahambahamba macala onke, Ngenxa yokuba ububi buyaphakanyiswa phakathi koonyana babantu.+

Umbhalo osemazantsi