Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INdumiso 118:1-29

118  Bulelani kuYehova, kuba ulungile;+Kuba ububele bakhe bothando bukho ukusa kwixesha elingenammiselo.+   USirayeli ke makathi:“Kuba ububele bakhe bothando bukho ukusa kwixesha elingenammiselo.”+   Abo bendlu ka-Aron ke mabathi:+“Kuba ububele bakhe bothando bukho ukusa kwixesha elingenammiselo.”+   Abo bamoyikayo uYehova ke mabathi:+“Kuba ububele bakhe bothando bukho ukusa kwixesha elingenammiselo.”+   Ndabiza uYa ndisekubandezelekeni;+UYa wandiphendula waza wandibeka kwindawo ebanzi.+   UYehova usecaleni lam; andiyi koyika.+Angandenza ntoni na umntu wasemhlabeni?+   UYehova usecaleni lam phakathi kwabo bandincedayo,+Kangangokuba mna ndiya kukhangela abo bandithiyayo.+   Kulunge ngakumbi ukusabela kuYehova+Kunokukholosa ngomntu wasemhlabeni.+   Kulunge ngakumbi ukusabela kuYehova+Kunokukholosa ngezidwangube.+ 10  Zonke iintlanga zindingqongile.+Ndazichithachitha egameni likaYehova.+ 11  Zandingqonga, ewe, zandingqonga.+Ndazichithachitha egameni likaYehova. 12  Zandingqonga njengeenyosi;+Zacimeka njengomlilo wetyholo elinameva.+Ndazichithachitha egameni likaYehova.+ 13  Wandityhala ngamandla ukuze ndiwe,+Kodwa uYehova wandinceda.+ 14  UYa likhusi nokomelela kwam,+Uye waba lusindiso lwam.+ 15  Ilizwi lentswahla yovuyo nosindiso+Lisezintenteni+ zamalungisa.+ Isandla sasekunene sikaYehova sibonakalisa amandla.+ 16  Isandla sasekunene sikaYehova siyaziphakamisa;+Isandla sasekunene sikaYehova sibonakalisa amandla.+ 17  Andiyi kufa, kodwa ndiya kuqhubeka ndiphila,+Ukuze ndivakalise imisebenzi kaYa.+ 18  UYa wandilungisa ngokuqatha,+Kodwa akazange andinikele ekufeni.+ 19  Ndivuleleni amasango obulungisa.+Ndiya kungena ngawo; ndiya kumbonga uYa.+ 20  Lilo eli isango likaYehova.+Amalungisa aya kungena ngalo.+ 21  Ndiya kukubonga, kuba undiphendule+Waba lusindiso lwam.+ 22  Ilitye abaligatyayo abakhi+Liye laba yintloko yembombo.+ 23  Oku kuye kwabakho kuvela kuYehova;+Kuyamangalisa emehlweni ethu.+ 24  Le yimini ayenzileyo uYehova;+Siza kuvuya, sibe nemihlali ngayo.+ 25  Ke kaloku, Yehova, khawuncede usindise!+Ke kaloku, Yehova, khawuncede unike impumelelo!+ 26  Makabongwe Lowo uzayo egameni likaYehova;+Sinisikelele nina endlwini kaYehova.+ 27  UYehova nguLowo Ungokobuthixo,+Yaye usinika ukukhanya.+Bophani umngcelele womthendeleko+ ngamasebe,+Ukuya kufikelela ezimpondweni zesibingelelo.+ 28  Wena unguLowo Ungokobuthixo kum, yaye ndiya kukubonga;+Thixo wam—ndiya kukuphakamisa.+ 29  Bulelani kuYehova, kuba ulungile;+Kuba ububele bakhe bothando bukho ukusa kwixesha elingenammiselo.+

Umbhalo osemazantsi