I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INdumiso 116:1-19

116  Ndiyathanda, ngenxa yokuba uYehova uyaliva+ Ilizwi lam, izibongozo zam.+   Kuba uyithobele kum indlebe yakhe,+ Ndiya kubiza yonke imihla yam.+   Iintsontelo zokufa zandirhawula+ Neemeko ezibandezelayo zeShiyol zandifumana.+ Ndaqhubeka ndifikelwa kukubandezeleka nentlungu.+   Kodwa ndabiza egameni likaYehova, ndathi:+ “Awu, Yehova, sindisa umphefumlo wam!”+   UYehova unobabalo yaye ulilungisa;+ NoThixo wethu nguLowo wenza inceba.+   UYehova uyabalinda abo bangenamava.+ Ndandihlwempuzekile, kwaye wandisindisa mna lo.+   Buyela endaweni yakho yokuphumla, mphefumlo wam,+ Kuba uYehova wenze ngokufanelekileyo kuwe.+   Kuba uwuhlangule umphefumlo wam ekufeni,+ Iliso lam ezinyembezini, unyawo lwam ekukhubekeni.+   Ndiza kuhamba+ phambi koYehova emazweni abo baphilayo.+ 10  Ndandinokholo,+ kuba ndathetha.+ Mna ndandixhwaleke kakhulu. 11  Ndathi ke mna, ekuphakuzeleni kwam:+ “Wonke umntu ulixoki.”+ 12  Ndiya kumbuyekeza ngantoni na uYehova+ Ngalo lonke uncedo lwakhe kum?+ 13  Ndiya kuthabatha indebe yosindiso olukhulu,+ Ndiya kubiza egameni likaYehova.+ 14  Ndiya kuzifezekisa izibhambathiso zam kuYehova,+ Ewe, phambi kwabo bonke abantu bakhe. 15  Kuxabisekile emehlweni kaYehova Ukufa kwabanyanisekileyo bakhe.+ 16  Awu, ke ngoku, Yehova,+ Kuba ndingumkhonzi wakho.+ Ndingumkhonzi wakho, unyana wekhobokazana lakho.+ Uzikhulule izibopho zam.+ 17  Ndiya kunikela kuwe imibingelelo yokubulela,+ Yaye ndiya kubiza egameni likaYehova.+ 18  Ndiya kuzifezekisa izibhambathiso zam kuYehova,+ Ewe, phambi kwabo bonke abantu bakhe,+ 19  Ezintendelezweni zendlu kaYehova,+ Phakathi kwakho, Yerusalem.+ Dumisani uYa!+

Umbhalo osemazantsi