I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INdumiso 115:1-18

115  Akukho nto iyeyethu, Yehova, akukho nto iyeyethu,+ Kodwa nika igama lakho uzuko+ Ngokobubele bakho bothando, ngokwenyaniso yakho.+   Kutheni na ukuba iintlanga zithi:+ “Uphi na, ke, uThixo wabo?”+   Kodwa uThixo wethu usemazulwini;+ Yonk’ into ayoliswa kukuyenza uyenzile.+   Izithixo zabo ziyisilivere negolide,+ Umsebenzi wezandla zomntu wasemhlabeni.+   Zinomlomo, kodwa azithethi;+ Zinamehlo, kodwa aziboni;+   Zineendlebe, kodwa aziva.+ Zinempumlo, kodwa azisezeli.+   Zinezandla, kodwa aziphathi.+ Zineenyawo, kodwa azihambi;+ Azivakalisi sandi ngomqala wazo.+   Abo bazenzayo baya kuba njengazo kanye,+ Bonke abo bakholosa ngazo.+   Owu Sirayeli, kholosa ngoYehova;+ Uluncedo lwabo nekhaka labo.+ 10  Nawe ndlu ka-Aron, kholosa ngoYehova;+ Uluncedo lwabo nekhakha labo.+ 11  Nina enoyika uYehova, kholosani ngoYehova;+ Uluncedo lwabo nekhaka labo.+ 12  UYehova usikhumbule; uya kusisikelela,+ Uya kuyisikelela indlu kaSirayeli,+ Uya kuyisikelela indlu ka-Aron.+ 13  Uya kubasikelela abo boyika uYehova,+ Abancinane kwakunye nabakhulu.+ 14  UYehova uya kunandisela nina,+ Nina noonyana benu.+ 15  Nina ningabasikelelweyo nguYehova,+ UMenzi wezulu nomhlaba.+ 16  Wona ke amazulu, ngamazulu kaYehova,+ Kodwa umhlaba uwunike oonyana babantu.+ 17  Abafileyo abamdumisi uYa,+ Bengenjinjalo nabo behlayo baye kwelokuthula.+ 18  Kodwa thina siya kumbonga uYa+ Ukususela ngoku kuse phambili nokusa kwixesha elingenammiselo.+ Dumisani uYa!+

Umbhalo osemazantsi