I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INdumiso 114:1-8

114  Ekuphumeni kukaSirayeli eYiputa,+ Indlu kaYakobi kwisizwana esikuthetha kungaqondakaliyo,+   UYuda waba yindawo yakhe engcwele,+ USirayeli waba yindawo yakhe yolawulo oluzukileyo.+   Ulwandle lwabona lwaza lwasaba;+ Yona ke iYordan, yabuya umva.+   Iintaba zadloba njengeenkunzi zeegusha,+ Iinduli njengeemvana.   Ubunani na wena, lulwandlendini, ukuba usabe,+ Wena Yordan, ukuba ubuye umva?+   Nina zintaba, ukuba nidloba-dlobe njengeenkunzi zeegusha;+ Nina zinduli, njengeemvana?+   Ngenxa yeNkosi yiba sezintlungwini eziqatha, wena mhlaba,+ Ngenxa kaTHIXO kaYakobi,   Otshintsha iliwa libe lichibi lamanzi elineengcongolo,+ Ilitye leqhwitha libe ngumthombo wamanzi.+

Umbhalo osemazantsi