Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

Khetha ulwimi IsiXhosa

INdumiso 113:1-9

ת [Taw]Umnqweno wabangendawo uya kutshabalala.+ 113  Dumisani uYa!+Nikelani indumiso, nina bakhonzi bakaYehova,+Dumisani igama likaYehova.+   Ngamana igama likaYehova lingabongwa+Ukususela ngoku kuse phambili nakwixesha elingenammiselo.+   Ukususela ekuphumeni kwelanga kude kuse ekutshoneni kwalo+Igama likaYehova malidunyiswe.+   UYehova uphakamile ngaphezu kweentlanga zonke;+Ubuqaqawuli bakhe bungaphezu kwamazulu.+   Ngubani na onjengoYehova uThixo wethu,+Yena ohlala phezulu?+   Uyazithoba ukuze akhangele ezulwini nasemhlabeni,+   Uvusa eluthulini isisweli;+Uphakamisa ihlwempu eluthuthwini,+   Ukuze alihlalise nezidwangube,+Nezidwangube zabantu balo.+   Uhlalisa umfazi oludlolo endlwini+Njengonina ovuyayo woonyana.+Dumisani uYa!+

Umbhalo osemazantsi