Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

Khetha ulwimi IsiXhosa

INdumiso 110:1-7

EkaDavide. Uncuthu lwengoma. 110  Utsho uYehova eNkosini yam ukuthi:+“Hlala ngasekunene kwam+Ndide ndizibeke iintshaba zakho njengesitulo seenyawo zakho.”+   Intonga yamandla+ akho uYehova uya kuyithumela iphuma eZiyon,+ esithi:“Hamba usoyisa phakathi kweentshaba zakho.”+   Abantu bakho+ baya kuzinikela ngokuvumayo+ ngemini yomkhosi wakho wamajoni.+Ngobungangamsha bobungcwele,+ ekuphumeni kwesifingo,Uneqela lakho labantu abaselula kanye njengamathontsi ombethe.+   UYehova ufungile+ (yaye akayi kuzisola),+ wathi:“Ungumbingeleli ukusa kwixesha elingenammiselo+Ngokohlobo lukaMelkitsedeki!”+   UYehova ngasekunene kwakho+Ngokuqinisekileyo uya kuqhekeza ookumkani ngemini yomsindo wakhe.+   Uya kuphumeza umgwebo phakathi kweentlanga;+Uya kubangela ukuba kuzale izidumbu.+Ngokuqinisekileyo uya kumqhekeza lowo uyintloko kwilizwe elikhulu.+   Uya kusela entlanjeni ngasendleleni.+Kungenxa yoko le nto eya kuyiphakamisela phezulu intloko yakhe.+

Umbhalo osemazantsi