Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Nd 11:1-7

Kumalathisi. EkaDavide. 11  Ndizimela kuYehova.+ Nina madoda nibuthabatha phi na ubuganga bokuthi emphefumlweni wam: “Sabela entabeni yenu njengentaka!+   Kuba, khangela! abangendawo bayasigoba isaphetha,+ Bayalulungisa utolo lwabo kumtya wesaphetha, Ukuze batole kwisithokothoko sobumnyama abo baneentliziyo ezithe tye.+   Xa iziseko zichithwa,+ Umele enze ntoni na olilungisa?”   UYehova usetempileni yakhe engcwele.+ UYehova—isemazulwini itrone yakhe.+ Amehlo akhe ayabona, amehlo akhe aqaqambileyo ahlolisisa+ oonyana babantu.   UYehova uhlolisisa lowo ulilungisa kwanalowo ungendawo,+ Yaye umphefumlo Wakhe umthiyile ngokuqinisekileyo nabani na othanda ugonyamelo.+   Uya kunisela phezu kwabangendawo izabatha, umlilo nesalfure+ Nomoya onolophu, njengesahlulo sendebe yabo.+   Kuba uYehova ulilungisa;+ uyazithanda izenzo zobulungisa.+ Ngabathe tye abaya kububona ubuso bakhe.+

Umbhalo osemazantsi