Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

Nd 108:1-13

Ingoma. Uncuthu lwengoma kaDavide. 108  Intliziyo yam iqinile, Thixo.+ Ndiza kuvuma, ndicule uncuthu lwengoma,+ Kwanozuko lwam.+   Vuka, mrhubhe; nawe, luhadi.+ Ndiza kusivusa isifingo.+   Ndiya kukubonga phakathi kwezizwana, Yehova;+ Ndiya kukuculela uncuthu lwengoma phakathi kwamaqela eentlanga.+   Kuba ububele bakho bothando bukhulu ukusa emazulwini,+ Nenyaniso yakho ifikelela esibhakabhakeni.+   Phakanyiswa ngaphezu kwamazulu, Thixo;+ Uzuko lwakho malube ngaphezu komhlaba wonke.+   Ukuze bahlangulwe abathandekayo bakho,+ Sindisa ngesandla sakho sasekunene uze undiphendule.+   UThixo uthethile ebungcweleni bakhe wathi:+ “Ndiza kugcoba, Ndinikele ngeShekem+ njengesahlulo;+ Nentili yaseSukoti+ ndiya kuyilinganisa.   UGiliyadi+ ngowam; noManase ngowam;+ UEfrayim uyinqaba yalowo uyintloko kum;+ UYuda ngumsimelelo womyaleli wam.+   UMowabhi+ yimbiza yam yokuhlambela.+ Ndiya kuyiphosa phezu koEdom+ imbadada yam.+ Naphezu kwelamaFilisti+ ndiya kuduma ngoloyiso.”+ 10  Ngubani na oya kundizisa kwisixeko esinqatyisiweyo?+ Ngubani na okunene oya kundikhokelela kwaEdom?+ 11  Asinguwe na, Thixo, osilahlileyo+ Nongahambiyo nemikhosi yethu njengoThixo?+ 12  Sinike uncedo ekubandezelekeni,+ Ekubeni usindiso lomntu wasemhlabeni lungento yanto.+ 13  KuThixo siya kuzuza amandla,+ Yaye yena uya kuzinyathela iintshaba zethu.+

Umbhalo osemazantsi