I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INdumiso 102:1-28

Umthandazo woxhwalekileyo xa kunokwenzeka abe buthathaka aze aphalaze ukuxhalaba kwakhe phambi koYehova.+ 102  Owu Yehova, wuve umthandazo wam;+ Ngamana ukukhalela kwam uncedo kungafikelela kuwe.+   Musa ukubufihla ubuso bakho kum ngemini yokuba sezingxakini ezinkulu kwam.+ Ndithobele indlebe yakho;+ Ngemini yokubiza kwam, khawuleza, undiphendule.+   Kuba imihla yam iphelile kanye njengomsi,+ Namathambo am avutha kanye njengeziko lomlilo.+   Intiliziyo yam ibethiwe kanye njengotyani yaye yomisiwe,+ Kuba ndilibele ukutya ukutya kwam.+   Ngenxa yesandi sokuncwina kwam+ Amathambo am anamathele enyameni yam.+   Ndifana nengcwangube yentlango.+ Ndiye ndanjengesikhova esincinane seendawo eziphanzileyo.   Ndibhityile, Yaye ndinjengentaka eyodwa eluphahleni.+   Iintshaba zam zindingcikivile imini yonke.+ Abo bandenza isidenge bafunga ngam.+   Kuba ndidle uthuthu kanye njengesonka;+ Nezinto endiziselayo ndiziphithikeze nokulila,+ 10  Ngenxa yesiqalekiso sakho nokucaphuka kwakho;+ Kuba undiphakamisile, ukuze undilahle.+ 11  Imihla yam injengokoluka kwamathunzi,+ Yaye mna ndomile njengotyani.+ 12  Wena ke, Yehova, uya kuhlala ukusa kwixesha elingenammiselo,+ Nesikhumbuzo sakho siya kuba kwizizukulwana ngezizukulwana.+ 13  Uya kusukuma, uya kuba nenceba kuyo iZiyon,+ Kuba lixesha lokuba ube nobabalo kuyo, Kuba ixesha elimisiweyo lifikile.+ 14  Kuba abakhonzi bakho bakholisiwe ngamatye ayo,+ Kwaye babhekisa inkoliseko yabo eluthulini lwayo.+ 15  Iintlanga ziya kuloyika igama likaYehova,+ Nabo bonke ookumkani bomhlaba ubuqaqawuli bakho.+ 16  Kuba ngokuqinisekileyo uYehova uya kuyakha iZiyon;+ Umele abonakale esebuqaqawulini bakhe.+ 17  Ngokuqinisekileyo uya kuphethukela emthandazweni wabo baphangwe yonk’ into,+ Aze angawudeli umthandazo wabo.+ 18  Oku kubhalelwe isizukulwana esizayo;+ Nabantu abaza kudalwa baya kumdumisa uYa.+ 19  Kuba ukhangele phantsi esendaweni yakhe ephakamileyo engcwele,+ Esemazulwini kanye uYehova ukhangele emhlabeni,+ 20  Ukuze akuve ukuncwina kwebanjwa,+ Abakhulule abo bamiselwe ukuba bafe;+ 21  Ukuze igama likaYehova livakaliswe eZiyon+ Nendumiso yakhe eYerusalem,+ 22  Xa izizwana ziqokelelwe zonke ndawonye,+ Nezikumkani ukuba zikhonze uYehova.+ 23  Endleleni wawaxhwalekisa amandla am,+ Wayinqumla imihla yam.+ 24  Ndathi ke: “Owu Thixo wam, Musa ukundisusa kwisiqingatha semihla yam;+ Iminyaka yakho ikuzo zonke izizukulwana.+ 25  Wazibeka kwakudala iziseko zomhlaba,+ Namazulu angumsebenzi wezandla zakho.+ 26  Ezo zinto ziya kutshabalala, kodwa wena uya kuqhubeka umile;+ Zonke ziya kuguga kanye njengesambatho.+ Uya kuzithabathel’ indawo kanye njengesinxibo, yaye ziya kuligqiba ithuba lazo.+ 27  Kodwa wena ukwanguwe, neminyaka yakho ayiyi kuphela.+ 28  Oonyana babakhonzi bakho baya kuqhubeka behlala;+ Kwaye phambi kwakho inzala yabo iya kumiselwa ngokuqinileyo.”+

Umbhalo osemazantsi