Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INdumiso 101:1-8

KaDavide. Uncuthu lwengoma. 101  Ndiza kuvuma ngobubele bothando nomgwebo.+Ndiza kukuculela uncuthu lwengoma, Yehova.+   Ndiza kwenza ngokunengqiqo ngendlela engenasiphoso.+Uya kuza nini na kum?+Ndiya kuhamba ngengqibelelo yentliziyo yam ngaphakathi endlwini yam.+   Andiyi kubeka nantoni na yobutshijolo phambi kwamehlo am.+Ndikuthiyile ukwenza kwabo baphambukayo;+Akunamatheli kum.+   Intliziyo egwenxa iyemka kum;+Into embi andiyazi.+   Nabani na onyelisa iqabane lakhe emfihlekweni,+Yena ndiyamthulisa.+Nabani na onamehlo anekratshi nonentliziyo ekhukhumeleyo,+Yena andinakumnyamezela.+   Amehlo am akwabo bathembekileyo bomhlaba,+Ukuba bahlale kunye nam.+Ohamba ngendlela engenasiphoso,+Nguye oya kuba ngumlungiseleli wam.+   Akayi kuhlala ngaphakathi endlwini yam umsebénzi wenkohliso.+Yena ke nabani na othetha ubuxoki, akayi kumiselwa ngokuqinileyo+Phambi kwamehlo am.+   Ntsasa nganye ndiya kubathulisa abo bangendawo bomhlaba,+Ukuze ndibanqumle esixekweni+ sikaYehova bonke abo baqhelisela okwenzakalisayo.+

Umbhalo osemazantsi