I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

INdumiso 1:1-6

1  Unoyolo+ umntu ongahambanga ngecebo labangendawo,+ Ongemanga endleleni yaboni,+ Nongahlalanga esihlalweni sabagculeli.+   Kodwa oyoliswa ngumthetho kaYehova,+ Efunda emthethweni wakhe ngesandi esiphantsi imini nobusuku.+   Ngokuqinisekileyo uya kuba njengomthi otyalwe ngakwimisinga yamanzi,+ Onika isiqhamo sawo ngexesha lawo+ Nonamahlamvu angabuniyo,+ Yaye konke akwenzayo kuya kuphumelela.+   Abanjalo ke bona abangendawo, Kunoko banjengomququ ophetshethwa ngumoya.+   Kungenxa yoko bengayi kuma emgwebeni abangendawo,+ Naboni kwindibano yamalungisa.+   Kuba uYehova uyayazi indlela yamalungisa,+ Kodwa indlela yabangendawo iya kutshitsha.+

Umbhalo osemazantsi