Yiya kwinkcazelo

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi | INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

IMizekeliso 9:1-18

9  Ubulumko bokwenyaniso+ buyakhile indlu yabo;+ buzimbele iintsika zabo zosixhenxe.  Buyilungisile inyama exheliweyo; buyiphithikezile iwayini yabo; ngaphezu koko buyimise ngolungelelwano itafile yabo.+  Buthumele iimpelesi zabo, ukuze bumemeze phezu kweendawo eziphakamileyo zedolophu, busithi:  “Nabani na ongenamava, makaphambukele apha.”+ Nabani na oswele intliziyo+—buthe kuye:  “Yizani, nidle isonka sam nize nabelane ngokusela iwayini endiyiphithikezileyo.+  Yekani abangenamava nize niphile,+ yaye hambani ngqo endleleni yokuqonda.”+  Olungisa umgculeli uzizisela ihlazo,+ nowohlwaya ongendawo—uzizisela isiphene.+  Musa ukumohlwaya umgculeli, ukuze angakuthiyi.+ Nika umntu osisilumko isohlwayo yaye uya kukuthanda.+  Nika umntu osisilumko uya kulumka ngakumbi.+ Nika ilungisa ukwazi liya kwandisa ukuqonda. 10  Ukoyika uYehova kukuqala kobulumko,+ nokwaziwa kwaLowo Ungoyena Ungcwele kukuqonda.+ 11  Ngokuba ngam imihla yakho iya kuba mininzi,+ yaye uya kongezelelwa iminyaka yobomi.+ 12  Ukuba uthe walumka, uzilumkela kwawena;+ nokuba uye wagculela, oko uya kukuthwala, kanye wedwa.+ 13  Ibhinqa elinobuyatha liyaphithizela.+ Limathile yaye alazi nto konke konke.+ 14  Yaye lihleli emnyangweni wendlu yalo, esihlalweni, kwiindawo eziphakamileyo zedolophu,+ 15  ukuze limemeze kwabo badlula ngendlela, abahamba ngqo ngomendo wabo, lisithi:+ 16  “Nabani na ongenamava, makaphambukele apha.”+ Yaye nabani na oswele intliziyo+—lithi kuye: 17  “Amanzi abiweyo amnandi,+ nesonka esidlelwa emfihlekweni—siyathandeka.”+ 18  Kodwa akazi ukuba abo bangenamandla basekufeni apho, ukuba abo babizwa lilo basezinzulwini zeShiyol.+

Umbhalo osemazantsi