I-Accessibility setting

Khetha ulwimi

Yiya kwelilandelayo

Yiya kwiziqulatho

Yiya kwinkcazelo

AmaNgqina KaYehova

IsiXhosa

IBhayibhile Kwi-Intanethi

INGUQULELO YEHLABATHI ELITSHA YEZIBHALO EZINGCWELE

IMizekeliso 5:1-23

5  Nyana wam, nikela ingqalelo kubulumko bam.+ Iindlebe zakho uzithobele ukuqonda kwam,+  khon’ ukuze ulondoloze amandla okucinga;+ yaye ngamana imilebe yakho ingakulondoloza ukwazi.+  Kuba ivuza+ njengenqatha lobusi imilebe yomfazi wasemzini, nenkalakahla yakhe igude ngakumbi kuneoli.+  Kodwa umphumo ukrakra njengomhlonyane;+ ubukhali njengekrele elintlangothi-mbini.+  Iinyawo zakhe zihlela ekufeni.+ Amanyathelo akhe abambelela eShiyol.+  Umendo wobomi akawondeli.+ Umkhondo wakhe uyabhadula engazi nokuba uya phi na.+  Ngoko ke, bonyana, ndiphulaphuleni+ nize ningemki emazwini omlomo wam.+  Mayibe kude kuye indlela yakho, ungasondeli nasemnyangweni wendlu yakhe,+  ukuze unganikeli ngesidima sakho kwabanye,+ nangeminyaka yakho koko kukhohlakeleyo;+ 10  ukuze abasemzini bangazanelisi ngamandla akho,+ nezinto ozizuze kabuhlungu zingabi sendlwini yowasemzini,+ 11  kungafuneki ugcume kwikamva lakho+ ekupheleni kwenyama yakho nomzimba wakho.+ 12  Kuya kufuneka uthi: “Hayi indlela ebendiyithiye ngayo ingqeqesho+ nentliziyo yam ayabi nantlonelo ngesohlwayo!+ 13  Andiliphulaphulanga ilizwi labayaleli bam,+ nendlebe yam andiyithobelanga kubafundisi bam.+ 14  Ngokulula nje ndibe kulo lonke uhlobo lobubi+ phakathi kwebandla nendibano.”+ 15  Sela amanzi kwelakho iqula, namanzi aqukuqelayo kowakho umthombo.+ 16  Imithombo yakho ifanele ichithachitheke ngaphandle na,+ imisinga yakho yamanzi kwiindawo zembutho na? 17  Mayibe yeyakho kuphela, ingabi yeyabasemzini kunye nawe.+ 18  Mawusikelelwe+ umthombo wakho wamanzi, ube nemihlali ngumfazi wobutsha bakho,+ 19  ixhamakazi elithandekayo nebhokhwe yasezintabeni enomtsalane.+ Amabele akhe makakuyobe ngamaxesha onke.+ Uthabatheke rhoqo luthando lwakhe.+ 20  Ngoko, kutheni na, nyana wam, ufanele uthabatheke ngumfazi wasemzini okanye uwole isifuba somfazi wasemzini?+ 21  Kuba iindlela zomntu ziphambi kwamehlo kaYehova,+ yaye uyayondela yonke imikhondo yakhe.+ 22  Ongendawo uya kubanjwa ziziphoso zakhe,+ abanjwe ziintsontelo zesono sakhe.+ 23  Uya kufa ngenxa yokungabikho kwengqeqesho,+ nangenxa yokuba uhamba ebhadula ebuninzini bobudenge bakhe.+

Umbhalo osemazantsi